Yintoni u RAF?
U RAF lisebe lika Rhulumente elijongene nezicelo zemali zamaxhoba engozi zendlela,
elisebe imali liyifumana kubantu belizwe lase Mzantsi Afrika xa bethe batha inqwelo
mafutha zabo. Injongo ka RAF kukubuyekeza/ukubhatala amaxhoba engozi zendlela
okanye amalungu alowo uthe wasweleka ngenxa yengozi. URAF unengxowa mali
eqinisekisa ukuba amaxhoba ayabhataleka, ukuze angaxhamleki ngokufuna
imbuyekezo kubaqhubi abangenankathalo.
Ngubani ekufanekele ukuba enze ibango?
- Lixhoba elenzakeleyo (ngaphandle kokuba kufumaniseke ukuba ibinguye yedwa lo 100%, ungunobangela wengozi)
- Umntu onelungelo obexhomekeke kwixhoba eli liswelekileyo (ngaphandle kokuba lo uswelekileyo kunesiqinisekiso 100%, ukuba ungunobangela wengozi)
- Isizalwane salowo uswelekileyo elithe labhatala iindleko zomngcwabo
- Umzali okanye umntu osemthethweni ojonge umntana obesengozini
- Umzali oselungelweni ngokubekwa ngonontlalontle, obhatale iindleko zonyango
- Umntu obekiweyo ngokusemthethweni ukuba ajonge ilifa lalowo uswelekileyo
Zintoni ekufanele ukuba kwenziwa ibango kuzo?
- Indleko esezibhatelwe, nezisezakubhatalwa zonyango kunye nezasesibhedlele;
- Indleko zemali elahlekileyo, nekuqikelelwa ukuba izakulahleka ngenxa yengozi
- Indleko zokujonga lowo bekufanele ukuba uyondliwa/unanekelwa ngumfi;
- Umonakalo neentlungu ezibangelwe yingozi, umonakalo nomonzakalo waphakade obangelwe yingozi emzimbeni wexhoba, ukusukela kumnyaka ka 2008 lemali ibhatalwa kwabo bonzakele kakhulu kuphela;
- Indleko zomngcwabo.
Ndifuna nindincede ndifake isicelo, sidinga ukuba usithumelele ezinkcukacha
zilandelayo:
- Amagama akho apheleleyo
- Inombolo yakho yesazisi
- Inombolo yakho yomnxeba
- Umhla ekwenzeke ngayo ingozi
- Uthi gqaba – gqaba ukuba wenzakale njani
Sizakuqinisekisa ukuba ufumana lonke uncedo oludinganyo. Ungaqhagamshelana nathi ngokusithumelela:
- Umyalezo ocela sikuthinte ku 063 393 3719
Okanye
- Umyalezo ka watsup ku 063 393 3719
Okanye
- Uthumele umyalezo we – email
Omnye wabasebenzi bethu uzakuqhagamshelana nawe kamsinyane.